Impukane
iingcongconi iintsapho ukukhohlela kugqunyiwe
Impukane sisinambuzane esingathandwayo ngabantu kuba sithanda ukuhlala ezindaweni ezingcolileyo nezimdaka. Apho kufele nasiphina isilwanyana wobona sezizalise apho zibhubhuzela xa umzimba uqala ukonakala okanye uqala ukubola.
Iimpukane naxa zingafuneka ngenxa yokuba zimdaka zikwaluucedo xa kuthe kwenzeka kwalahleka umntu okanye wenzakaliswa zizihange. Kothi xa umzimba uqala ukuvunda ubola ubone ngeempukane ezininzi, baze abantu abafunayo babone ngezompukane basondele kuloo ndawo balibone ixhoba elo.
Iimpukane zizinambuzane eziyingozi ebantwini kuba zizithwala mbewu zokufa. Ungabona kubantwana abamdaka zihleli ezimpumlweni okanye emehlweni abo zisitya oko kungcola ziye kuhlala kubantwana abaphilileyo ngaloo ndlela babe bayasuleleka zizifo.
Namakhaya ethu kufuneka siwagcine ecocekile ngokuthi yonke inkunkuma ibe nendawo yayo ukuze kuthi yakuba ninzi itshiswe enje ngengca, amaphepha namadlavu. Neendawo ezifumileyo kufuneka zingabikho kufutshane nezindlu kuba iimpukane ziya zithanda iindawo ezinjalo. Amadami okanye imifolo yamanzi ma ingabi kutshane nezindlu ingakumbi amanzi amdaka kuba iingcongconi zithanda iindawo ezinjalo.
Ngoko ke kufuneka iimpukane sizilumkele ngokuthi sigcine amakhaya ethu ecocekile ukuze iintsapho zethu zingabi zizisulu zezifo ezisulelayo ezinje ngezi ukukhohlela, isifuba ukuxinana kwempumlo. Ukutya kwethu xa singekatyi makuhlale kugqunyiwe.

Imithi yethu
ineentyatyambo ziyaditshwa \iziqhamo
ikhabhathi
Imithi ilunge kakhulu kuthi thina bantu. Siyisebenzisa ekwenzeni umlilo ngamaxesha engqele namahlwantsi obusika. Imithi izindidi ngeendidi. Ikho imithi ezikhulelayo nje kanti ikho netyalwayo yeziqhamo neyokuhombisa.
Eminye imithi ityalelwa ukwenza ishishini lo kusarha apho kuthi kwenziwe iindidi zefanitshara ezinje ngezi itafile nezitulo zayo, ikhabhathi zokufaka impahla nezokufaka izitya neebhedi ezintle zamaxabiso.
Imithi enje ngepayina negam isetyenziswa ekwenzeni ipali zokwakha izindlu ezinkulu ezinye ipali ziya ditshwa ngetha ukuze zinga khawulezi zibole nokwenza ukuba zomelele.
Emakhayeni ethu eminye imithi ityalelwa ukukhusela izindlu kwimimoyakazi emikhulu yasebusika. Eminye ityalelwa ukuhombisa amakhaya ngamagqabi ayo amahle namakhulu. Eminye inentyatyambo ezinamabalabala amahle nezinevumba elimnandi.
Eminye imithi ityalelwa iziqhamo ehlotyeni enje ngepesika, iapile, amapere igwava neeplam. Eyasebusika iorenji nelamuni.
Ngoko thina bantwana sifundiswa ukuyilondoza imithi esikolweni ukuze sifumane imithuzi xa kukho ingqatsini yelanga ehlotyeni. Kanti nasemadlelweni iyazinceda igusha iinkomo uebhokhwe ukuzikhusela elangeni emoyeni nasemvuleni xa kusina imvula kanti nasengqeleni ngexesha lasebusika.

U-Abhu Ali nedonki zakhe
ukhwele zisixhenxe angqonge ingqatsini
Kudaladala kwaye kukho indoda egama lingu-Abhu Ali. Ngenye imini u-Abhu wahamba waya emalikeni ufike apho wajikeleza efuna into angayithengayo wada wabona iidonki wazithanda waza wazithenga zalithoba. Uye wakhwela kwenye zaza ezisibhozo zamlandela.
Kuthe xa esendleleni wacinga ukuba akhe azibale abone ukuba zisaphelele na. Uzibalile inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu, zisixhenxe, zisibhozo. Owu! iphi enye ngoku? Wehlike wakhangela ngasemva, phakathi kwemithi naphakathi kwamatye amakhulu angqonge indlela.
Uphindile wazibala inye, zimbini zintathu, zine, zintlanu, zintandathu zisixhenxe zisibhozo lithoba. Owu! iphinde yabuya. Uphindile wakhwela enye zalandela ezinye. Emva kwethuba uphindile u-Abhu Ali wehlika wazibala idonki zakhe. Inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu, zisixhenxe zisibhozo. Uthe esamangalisiwe njalo wabona indoda isiza wayicela eyibongoza ukuba mayimncede imbalise idonki zakhe kuba zimana zilahleka. Indoda isondele yazibala iidonki. Inye zimbini, zintathu, zine, zintlanu, zintandathu, zisixhenxe, zisibhozo, lithoba zabe ke ngoku ziphelele iidonki zika-Abhu.
Impazamo ka-Abhu Ali ubala idonki ezimlandelayo alibale ukubala le akhwele kuyo. U-Abhu uyibulele indoda ngoncedo lwayo. Ukhwele u-Abhu Ali wahamba nedonki zakhe ezilithoba waya kufika nazo ekhaya.

Ingwenya eyenqenayo elambileyo
ingwenya komcangcatho amacilikitshi ingwenya
Kudala kwaye kukho ingwenya eneminyaka emine, yayihlala phantsi komcangcatho emanzini anodaka. Yaye isitya ize ilale imini yonke. Yayithanda ukutya izilwanyana ezincinane ezinje ngezi amasele, ononkala, namacilikitshi kunye nentlanzi.
Ngenye imini ingwenya yaphuma emanzini anodaka isiya kufuna ukutya kwasemini. Ifike yabona umqhagi wenkuku phezu komcangcatho. Ibuzile ingwenya. Mingaphi iminyaka yakho? Iphendule inkunzi yenkuku yathi mithathu. Ingwenya ithe. Hamba umke. Yatsho ihamba isiya kulala.
Ngosuku olulandelayo ingwenya ivuke ilambile yahamba yaya kufuna isidlo sayo seminyaka emine. Ifike yabona isikhukukazi senkuku. Yathi, Mingaphi iminyaka yakho? Sithe, Ndineminyaka emithathu kuphela.
Ithe ingwenya ndilambile yaye uneminyaka emithathu kuphele hamba umke.
Ihambile ingwenya yaya kulala. Ngosuku olulandelayo ivuke ilambe kakhulu yaye inqinile. Ibone ikati ihleli phantsi komthi yathi, Ngaba umdala ngokwaneleyo ukuba ube sisidlo sam sasemini? Ikati ithe ineminyaka emithathu kuphela. Ingwenya ithe andinako ukukutya naxa ndilambile.
Kuvele amakhwenkwe amathathu uSipho noLindile noKoko. Ibuze iminyaka yabo ngabanye, uSipho uthe uneminyaka esixhenxe uLindile uthe eyakhe minthandathu uKoko eyakhe mihlanu. Ingwenya ithe, Hambani nimke aniloncedo kum naxa ndilambe kangaka kuba nibadala kakhulu.
Ingwenya iye kulala phantsi komcangcatho yatya imisundululu nenyoka namasele nayo yonke into ehlala ngaphantsi komcangcatho emanzini.

Iindlela zokuhamba
enkonkxeni utshongo ngamarhamncwa inqwelo
Kumaxesha akudala abantu babehamba nzima zingekho izinto zokuhamba. Xa umntu eza kuthabatha uhambo olude ubeqala alungise umphako ongulo, athabathe umbona, awugcade, awupholise, awusile ube ngumgubo. Agalele iswekile kancinane aze awugalele enkonkxeni. Wothi xa aseluhambeni ahlale phantsi ecaleni komlambo alutye utshongo amane esela amanzi kuba luyatsarha.
Emva koko kuhanjwe ngamahashe nemeyile, Abanye abantu bewabopha amahashe atsale inqwelana, abanye babophe iinkabi zenkomo enqwelweni apho kufuneka kubekho umqhubi nomkhokeli. Olu hambo belunzima kuba bekulalwa endleleni kufuneka zikhululwe iinkabi, kubaswe kuphekwe ukutya okuza kutyiwa apho endleleni. Nabantu abaseluhambeni bebesesichengeni sokuba bahlaselwe ngamarhamncwa asendle anje ngeengonyama namabhere.
Kuye kwavela olwahlobo lakudala lwemoto kwahanjwa ngazo zalwenza lula uhambo. Abantu bakwazi ukuha mba babuye, endaweni yokuhamba iintsuku ezinizi. Ngoku kuye kwafuneka ukuba abantu bafunde ukuqhuba kulungiswe iindlela ukuze iinqwelo zomlilo ziyilungele indlela.
Kwenziwe neendlela zokuhamba oololiwe ukuze abahambi abaya emisebenzini eKapa nase-Rawutini bahambe ngezithuthi ezikhulu kuba apho kufuwa abantu abaninzi bomsebenzi. Kwenziwa nebhaloni ezilwenze khaphukhaphu uhambo naxa lusidla imali eninzi.
Kuvele inqanawa ezihamba elwandle,nazo ezi zithuthi zithwala impahla eninzi nabantu abaninzi. Ngexesha lakudala abantu babesifa sisifo somtshetsha kungekabikho indawo zokuphumla eKapa xa abantu besiya okange bevela phesheya kolwandle.
Zonke ezindlela zokuhamba zenze ukuba abantu bafunde kakhulu bade imfundo bayityekeze ukuze babe nolwazi oluphangaleleyo bakwazi ukuzilungisa nokuyibona inkathazo isaqala.

Ulwandle
ulwandle ezimhlophe zibhokhwe elunxwemeni
izikhitshane
Ulwandle yindawo entle ethandwayo ngabantu bonke. Kulapho kuhlala iintlanzi ezinkulu nezincinane, iintaka nezilwanyana ezikhulu nezincinane. Amanzi olwandle akhangeleka eluhlaza xa lizolile ulwandle, amaza amane evuke emhlophe ngathi zibhokhwe ezimhlophe. Amanzi olwandle amuncu okanye amtyuba awaseleki.
Ulwandle luyathandwa kakhulu ngabantu ingakumbi ulutsha ngamaxesha ekresimesi okanye ngonyaka omtsha bathanda kuya kuqubha besithi basuse amashwa onyaka omdala. Ngelixesha ulutsha luyadibana luphathe imiphako necnyama ezizakuthi zojiwe apho neendidi zeziselo.
Ngoku kulamaxesha iindadi ziya kwazi ukudada zihle zibheke ezanzi, zinxibe impahla ezibavumela ukuba badade bangatyiwa nazintlanzi ezilumayo elwandle bathwale iminqwazi bafake nezinto zokuba bakwazi ukuphefumla banga tsarwa ngamanzi.
Apha elwandle kukho indawo ezinamawa nezinamatye amakhulu abathi abantu abathanda ukuloba bochophe kuwo balobe iintlanzi. Kwalapha phakathi kwamatye kukwakho nezinambuzane eziyingozi ekungafuneki zinyathelwe kuba ukuba uthe wazinyathela luya kuqaqamba kakhulu unyawo.
Kufutshane nolwandle kukho izindlu ezakhiweyo kulungiselelwa abatyeleli abasuka kwindawo ezikude babe nazo iindawo zokulala nokuthenga ukutya xa bathe baphelelwa yimiphako. Ngaphandle koko zikho nendawo ezilungiselelwe abantwana ukuba badlale baqubhe kuzo, zikwakho nezabantu abadala iindawo zokuqubha.
Apha elwandle kukho abantu abaziindadi abasoloko bejikeleza bejonge ukuba akukho mntu usengxakini nje ngoko amaza esuka phakathi elwandle aze elunxwemeni. Okanye athi xa ebuyela phakathi elwandle emke nabantu abangenawo amava okudada.
Xa ulwandle lusilwa izikhitshane okanye inqanawa zisengozini yokuba amaza amakhulu azityhale aziphose emaweni. Kungoko inqanawa zidadela phakathi elwandle apho angekhoyo amatye okanye iingxondorha.

USizwe nempukane
unovenkile izikhonkwane wankqonkqoza
yingxolo
Ngenye imini ebandayo uSizwe wayehamba ecaleni kwevenkile ethile. Unovenkile wambuza ukuba uyayifunana imali. Waphendula uSizwe wathi uyayifuna.
Nceda thabatha le bhokisi uyise kuMnumzana u Mnyamana ufuna ukulungisa ibhokisi yakhe yokufaka impahla. Undicelile ukuba ndimnike ihamile, izikhonkwane namaplanga amabini. Uthe uyakundinika irandi ezimbini ezinamashumi amahlanu esenti.
UNkosikazi Mnyamana uyakumunike lemali ezirandi ezimbini ezinamashumi amahlanu esenti. Wena nceda yise la maplanga mabini, izikhonkwane nehamile mna ndize ndikunike isenti ezingamashumi amabini.
USizwe uhambile wafika wankqonkqoza wangena endlwini. UNkosikazi Mnyamana uthe makalinde kwigumbi lokutyela. USizwe elindile njalo kungene impukane yahlala esidleleni sakhe. USizwe uzame ukuyisukela impukane yabhabha yaya kuhlala kwigumbi lokuphekela. Isukile apho impukane yaya kwigumbi lokuhlamba.
Igqithile nalapho yaya kuhlala kwigumbi lokulala. USizwe ungenile esukele njalo waya kugileka kwimigqomo yepeyinti ebibekwe efestileni. Ichithakele phantsi naseludongeni yamdyobha no-Sizwe.
Kwesisithuba kungene uNkosikazi Mnyamana esothuswa yingxolo yokuwa kwemigqomo. Wangena wathi edanile kunyanzelekile ukuba ndikunike impahla kaMnumzana Mnyamana kuba kuyabanda kakhulu. USizwe uthe andithandi ukunxiba ezimpahla zinkulu. Intanga zam ziyakundihle ka zakundibona.
UNkosikazi Mnyamana uthe makabaleke agoduke afike anxibe impahla yakhe ecocekileyo abuye aze kuthabatha ibhokisi nehamile nezikhonkwane azise kunovenkile. Ngethamsanqa akazange abonwe mntu wabuyela kunovenkile wamnika irandi ezimbini ezinamashumi amabini waza wazinika UNkosikazi Mnyamana yena wamnika isenti ezingamashumi amabini.

Ibhokhwe
ziintlobo ngentlobo ethwasa uyakrakra
Ibhokhwe sesinye sezilwanyana esingalulamanga kakhulu nje ngegusha. Ubuhlanti bazo kufuneka benziwe ngamahlahla bubebude kuba iibhokhwe zithanda ukutsiba nokukhwela.
Iibhokhwe zinomsebenzi omkhulu nobalulekileyo kuthi maxhosa enje ngale, ukuqaba abantwana ukungcamisa amakhwenkwe esenzelwa isiko engena esuthwini.
Iibhokhwe zizintlobo ngeentlobo zikho ezimhlophe ezithi zisetyenziswe xa umutu enokufa okumhlophe okanye ethwasa. Ezinye zibomvu zinentloko ezimhlophe. Olu hlobo lwebhokhwe luyanda kakhulu ziyanda zizala amawele.
Ezinye iibhokhwe zinoboya obude obuthi obu boya kwenziwe ngabo iingubo ezifudumeleyo okanye kwenziwe ngaso isicangci sokuhlala salowo ubexhelelwe esenzelwa isiko. Iibhokhwe zifuyelwa ubisi lwazo olumnandi oluthi kondliwe ngalo usapho nenyama yayo etyebileyo emnandi.
Iibhokhwe ziyanda kumhlaba onamatyholo, kuba ziyathanda ukutya amagqabi emithi. Xa ixheliwe ibhokhwe umbilini uyakrakra nje ngoko zithanda ukutya amagqabi.
Wonke umhlabi webhokhwe uba nenkunzi yawo, ethi le ukunzi ifakwe intsimbi ize iwukhokele umhlambi. Imazi yebhokhwe ikhaliphile iyakwazi ukulikhusela itakane layo kudyakalashe othanda ukutya amatakane egusha nawebhokhwe ezimathileyo.
Iibhokhwe xa zizele kufuneka zilondolozwe kuba ziyathanda ukuwafihla amatakane azo. Iyakuthi yakufika ekhaya ikhale ijikeleza ifuna itakane layo. Ngoku umntu kufuneka ayilandele angasondeli kuyo amana esime ide iye kufika kuloo ndawo ilifihle kuyo itakane layo.

Amanzi
emthonjeni emadlelweni nasezimpompeni
zomnkcenkcesho
Amanzi abalulekile kakhulu kuyo yonke into ephilayo umntu, izilwanyana zasekhaya nezasendle, iintaka zasekhaya nezasendle. Ingca nemifuno yasekhaya neyasendle ayinakukhula iphile ngaphandle kwamanzi.
Amanzi afumaneka kwezi ndawo zilandelayo emthonjeni emlanjeni edamini nasezimpompeni. Awona manzi alungileyo anempilo ngafumaneka emthonjeni phantsi komhlaba.
Umsebenzi wamanzi siyawasela, siyapheka, siyahlamba, siyancenkceshela izityalo nemithi. Kwindawo ezinetha kakhulu imvula ingca nemithi iyakhula kakhulu ibemide. Kanti nendawo ezinamahlathi amakhulu zindawo ena kakhulu imvula.
Xa kukho imbalela ilizwe liba libi kutshe ingca emadlelweni okanye elizweni lonke kude kome nemithi. Umhlaba uyaqhekeka ube nentanda ngenxa yokoma. Ngelixesha lembalela izilwanyana zasekhaya nezasendle ziyabitya zife kuba ukutya kwazo komile kunqabile.
Amanzi singawacoca ngokuwabilisa siwapholise size siwasele, okanye siwagalele ijikhi. Nakwindawo zamashishini amanzi abalulekile kwindawo zomnkcenkcesho apho kulinywe khona imifuno. Nakumashishini emoto nasesibhedlele amanzi ayafuneka okuhlamba impahla zabaguli nezabasebenzi basesibhedlele.
Indlela athi amanzi abe yingozi kuthi. Amanzi abaleka ngamandla athi akhukhulise abantu barhaxwe, okanye intlambo ekhawuleza izale amanzi abe mdaka kubekho umsinga onamandla uze ukhukhulise yonke into, abantu, iigusha, neebho khewe.

Ixhego lekati uMosopu
eqaqanjelwa imingxuma yokugqibela
izilwanyana
Kwaye kukho ixhego le ndoda elaye lifuye zonke intlobo ntlobo zezilwanyana, iinkomo, iigusha, iibhokhwe, iinkuku amadada neekati. Kwakuye kuthi kwakukhanya ixhego le nkunzi yenkuku likhonye lide ilanga lingene kwifestile yomninifama.
Ngazinye izilwanyana zazivuka zizolule phandle. Kwakungekho nasinye esicinga ukuthetha de zonke zifumane isidlo sakusasa. UMosophu lo wayelixhego lekati elingasaboni nakakuhle ngelinye iliso. Waye evuka ngelakhe ixesha alithandayo, uRafati umfama waye elixhego elinobubele esoloko encumile. Naye wayefana noMosopu wayegugile ediniwe eqaqanjelwa ngamathambo ngemini ezinethayo.
Izilwanyana ezilapho efama yayingabona bahlobo bakaRafati. Izikhukazi zazizalela amaqanda. Imazi zenkomo zazibapha ubisi yonke imihla.
Inja uJiga wayezigcinile igusha zomfama. URafati waye esoloko ecula onwabile ngelo lizwi lakhe libi likhulu. Ngale ntsasa uRafati wema ebambe impuku ngomsila, zonke izilwanyana zakhe zamkhangela zifuna ukuqonda ukuba kwenzekani. Uthe, Ngaba sinayo ikati? Kuphendule imazi yenkomo yathi, nantso ilele phezu kwesali yeteletele.
Uthume esinye isilwanyana ukuba sibize uMosopu unento enye okanye ezimbini aza kumxela zona. Ihashe lithe uMosopu uyawenza umsebenzi wakhe koko mdala. Kulungile ke ndakumnika ilixa lokugqibela. Zivumelene zonke izilwanyana ukuba uMosopu anikwe indondo zokubona ukuze akwazi ukuzibona kakuhle iimpuku, zilolwe neenzipho zakhe kwelalitye likaRafati lokulola izembe.
Kuphakame idada likhala liphaphazela libiza imbizo lisithi makungenwe kuyo yonke imingxuma yempuku zibizelwe embizweni, ukuba azizanga kobizwa ikati enenzipho ezibukhali. UMosopu uxelelwe ukuba lilixa lakhe lokugqibela eli. Zahlanganisana impuku zalindela ukuva ukuba zibizelwa ntoni. Iimpuku zithe zakubona ikati ingena zaphuma zibaleka zimshiya uMosopu engabambanga nenye impuku.

Ikroti
aqwakanisa yengqondo ingetyengetyana
ikroti izagweba
Ikroti ngumfo okhaliphileyo ongenantaka ongoyikiyo. Kuthi nokuba kuza kuliwa uyibone inkwenkwe ekhaliphileyo ithule ithe cwaka iphethe izagweba zayo ilindele nayiphina inkwenkwe efuna undikho ingenantaka.
Ngenye imini ubawo uMpinga wabona amakhwenkwe emile ephethe izagweba zawo ejamelene kungekho ithethayo. Kula maqela kwakukho amakhwenkwe amana ephuma aqwakanise iintonga etshayelela amanye emana ekhalisa imikhombe neempempe.
Kuthe ngelikade kwaphuma ingetyengetyana yenkwenkwe yabetha ikhwelo yawayalela ukuba ahlale phantsi onke. Ime esazulwini yawaxelela ukuba akukho mfuneko yokuba silwe singa ma khwenkwe aselalini enye, bubuyatha nobudenge ukulwa kungekho nesizathu esivakalayo ngokwenjenjalo siyakungenelwa lula zintshaba zethu zisihlasele.
Kwesi sithuba amakhwenkwe athula ecwaka ajongana. Asuka aphakama axokozela ebetha amakhwelo emncoma uSipho esithi ulikroti. Waphakama uSipho ebancoma ebabonisa ogxa bakhe ngokumphulaphula. Aphakamile amakhwenkwe kumacala onke aqwakanisa iintonga ebonakalisa ukusamkela isicelo sikaSipho. Amxabisa onke amakhwenkwe ngenxa yengqondo nobulumko bakhe. Achithakala amakhwenkwe agoduka aya kumakhaya awo.

Unyana wolahleko
kugcotywe ingqongqo kuxhentswa ingxam
wafunyanwa
Kwaye kukho indoda eyaye inonyana ababini. Omncinane uye kuyise waza wacela isabelo sempahla elunge kuye. Ixhego lakhathazeka yilento kodwa laqokelela zonke impahla lamnika imali, iinkomo, iigusha, iibhokhwe namahashe. Unyana Omncinane uhleli kancinane kowabo waza wayiqhuba impahla yakhe waya kwilizwe elikude apho athe akufika apho wayigqiba impahla ngokuyibhubhisa.
Zithe zakuphela impahla wabona ukuba makafune umsebenzi ukuze akwazi ukufumana ukutya. Uye wafumana umsebenzi wokwalusa iihagu. Naye uye watya ingxam ezibe zityiwa zihagu ngenxa kuba kwakungekho mntu umphayo ukutya. Zithe zaku xuxuzela ingxam esiswini wakhumbula kowabo. Wathi, Bangakanani abaqeshwa bakabawo abatya badiwe zizonka? Ndiya kusuka ndiye kubawo ndithi kuye, Andisafanele ukubizwa ngokuba ngunyana wakho ndenze ndibe ngomnye wezicaka zakho. Kuthe kwakuba njalo wesuka wagoduka.
Uyise wambona esekude waza wamkhawulela wawa entanyeni yakhe. Wathi unyana, Bawo andisafanele ukubizwa ngokuba ngunyana wakho ndenze ndibe ngomnye kubaqeshwa bakho. Ixhego lihambe naye laya endlwini. Layalela izicaka ukuba zimambathise ngeyona ngubo inde nentle zimfake imbadada ezinyaweni zakhe zimfake umsesane esandleni sakhe, kuxhelwe elona thole lityetyisiweyo kugcotywe kuba obelahlekile ufunyenwe obefile uvukile. Kukhaliswe ingqongqo kuvuywa kuxhentswa. Weva unyana omkhulu wabuza ukuba kwenzeke ntonina. Uxelelwe ukuba umninawa wakhe ubuyile.
Waqumba kakhulu esithi uyise zange amnike netakane eli avuye nezakhe izihlobo. Uyise wathetha naye unyana wakhe wathi zonke izinto zakhe zezakhe makaxole kuba umninawa wakhe ubefile wabuya wavuka ubelahlekile wabuya wafunyanwa.

Amalungu omzimba
exhomekeke singazigquthi nentliziyo ngokuhlwa
Sinamalungu amaninzi apha emizimbeni yethu okusisebenzela. kukho izandla esibamba ngazo nenyawo esithi siye apho sifuna ukuya khona. Amehlo esibona ngawo ukuze sikwazi ukubona apho siya khona. Umlomo esithi sitye ngawo, sithethe ngawo.
Amehlo ngawona aba sisisulu sokwenzakala nokuba umntu uthe waphandlwa luthuli okanye lukhozo lwentlabathi liqaqambe kakhulu libe bomvu iliso umntu akhohlwe nakukujonga. Amehlo abalulekile kakhulu kuba kubalusizi ukubona umntu oyimfama ehamba exhomekeke entongeni okanye kumntu omrhuqayo. Ngoko ke kumelwe ukuba siwalondoloze amehlo, singafundi xa ukukhanya kungonelanga, singathungi, ngokwenjenjalo siya wabulala amehlo.
Iindlebe zona zithambile ngaphakathi, kufuneka sizigcine zicocekile singazigquthi ngemicinga nangezipeliti kuba mhlawumbi wothi uphazamise imithambo luvo.
Sinalo nelungu eliyimpumlo esithi sikwazi ukuphefumla ngazo okanye sisezele umoya omtsha othi usinike impilo. Okanye sikwazi ukuva amavumba amabi nangalunganga. Nempumlo kufuneka sizigcine zicocekile siyisuse imikhunyu ethi ivale impumlo ukuze singabinako. ukuphefumla ngempumlo. Akulunganga ukuphefumla ngomlomo kwenza ukuba ulwimi lome okanye uphefumle umoya omdaka ongahluzwanga, kaloku iimpumlo yona inobaboyoina bungathi zinwele eze nzehwe ukuhluza uthuli kumoya esiwuphefumlayo.
Amanye amalungu abalulekileyo ngamazinyo ekufuneka egcinwe cocekileyo kwasebuntwaneni ukuze amazinyo angaboli. Kulungile ukuba amazinyo acocwe kusasa nangokuhlwa ukususe ukutya okuhleli phakathi kwamazinyo okungathi kubole ebusuku.
Amanye amalungu abalulekileyo yingqondo nentliziyo athi asebenze imini nobusuku.

Iintlobo zezindlu
urontawuli inqugwala zigotywe iyarhidwa
Zininzi iindidi zezindlu ekuhlalwa kuzo amakhaya, zezi inqugwala urontawuli noxande. Zonke ezi zindlu zinamachule azo akwaziyo ukuzakha. Amanqugwala enziwa ngelantyi zombelwe phantsi emhlabeni zize zigotywe phezulu. Ngaphezulu kwezilantyi kubekwa ingca ize ibotshelelwe ngentambo ukuze ikwazi ukuhlala ingemki nomoya. Kwenziwa umnyango omfutshane zize ifestile zingabikho. Olu hlobo lwezindlu luyingozi naxa kulula ukwakhiwa kuba litsha ngokulula ngumlilo kuba luyingca lonke.
Olunye uhlobo lwezindlu ngorontawuli lona lwakhiwa ngezitena zodaka. Ezi zindlu zakhiwa kakuhle zingcali ezifundele oko, kwenziwa ifestile nomnyango, kuthi kwakugqitywa ukwakhiwa kutyatyekwe ngaphandle nangaphakathi. Phantsi iya gangathwa ibethwe kumana kugalelwa amanzi kancinane ide iqine. Kuxhonywa uphahla ngumntu obesakha udonga okanye omnye umntu okwaziyo ukuyithunga ngengca.
Yakube igqityiwe iyarhidwa phantsi iphinda phindwe ibentle, naseludongeni iphinda phindwe ize ke yosulwe ngombala athanda wona umniniyo.
Olunye uhlobo iwendlu luxande, oluthi lona kuqalwe kwenziwe isisekelo ngamatye kuze kwakhiwe ngezitena ezenziwe ngodaka. Kolu hlobo lwendlu kwenziwa amagumbi ngamagumbi. Kwenziwa iifestile neminyango. Nazo ziyatyatyekwe zigangathwa phantsi. Ziya xhonywa zifulelwe ngengca okanye ngamazinki. Kweli xesha langoku izindlu zityatyekwa ngesamente ukuze zomelele zihlale ixesha elide. Kanti ke nodonga lwenziwa ngezitena zesamente okanye ezitshisiweyo.
Kumaxesha akudala abantu babehlala emiqolombeni okanye ezintenteni. Olu hlobo lwabantu kwakusithiwa ngabathwa. Babesonqena bephila kukuzingela izilwanyana zasendle.

Amaqashiso
Uyinqanda njani inja xa ikhonkotha kwisihlalo sangemva emotweni? Impendulo: Yihlalise ngaphambili kunye nawe. Zeziphi intaka ezifana nemoto? Ngamadada kuba athanda ukuhamba ekhala. Kuba lilishwa nini xa ikati ikulandela? Xa uyimpuku. Yeyiphi indlela elungileyo yokugcina inja ingayi esitrateni? Yibeke kwindawo enokuthi ikhonkothe kuyo.
Kutheni kunzima ukuthetha xa ibhokhwe ikufutshane nawe? Kungokuba isoloko ikhala.  Yintoni engwevu enendlebe ezinkulu enomboko omde ebunzima bayo buzi ponti ezintathu? Yindlovu enqinileyo. Liliphi ixesha elilungileyo ukusela ubisi esosini? Xa uyikati. Leliphi icala elinentsiba ezininzi enkukhwini? Leli lingaphandle. Yintoni enesifombo imdaka ngebala. Ihamba imini yonke ingaseli icula ngathi ngumlonji? Yinkamela.
Kutheni amagqwirha ethwala iminqwazi etsolo? Ukugquma intloko zawo ezitsolo. Yeyiphi indawo abantwana abangenakudlana kuyo?  Kusemangewabeni.

Amaxesha onyaka
intlakohlaza ngoqhiza inkithiko ingqantsini
izandyondyo
Unyaka singawahlula ube zizigaba ezine, intlakohlaza, ihlobo, ukwindla nobusika.
Intlakohlaza, lixesha apho kuqala ukuthi thaphu thaphu uhlaza nje ngoko negama lintama oko. Kaloku eli xesha lisemva kwembalelakazi yasebusika apho iimvula zinqabileyo ngaphandle kweenkithiko nekhephu.
Ihlobo lona lixesha lezandyondyo zemvula eneendudumo nemibane eyoyikekayo ethi ngelinye ixesha itshise izindlu ibulale abantu. Kunjalo, abantu balithanda kakhulu ihlobo kuba kushushu, imini inde. Abantu abakhutheleyo basebenza benele bayiqoshelise imisebenzi yabo yemini. Amavila wona agcakamela loo ngqatsini yelanga imini yonke okanye baziphozise emithunzini.
Emaphandleni eli lixesha lokulima. Kuvukwa ngoqhiza amakhwenkwe akhuphe iidyokhwe kubotshwe iinkabi. Amadoda ashiyiselana ngotyefezo ngezipani zawo, atsho amasimi abe mdaka ngephanyazo. Kolandeliswa ngokutyala umbona iimbotyi, amazimba, amathanga, nezinye izityalo.
Abantu abathanda ukulima imifuno bathenga izithole batyale kwizitiya zabo. Ukuze zikhule zichume ezi zityalo zifakwa izichumisi, zinkeenkceshelwe. Kaloku ngulowo nalowo ulungiselela ukuba lifike sele ilungile le mifuno elo xesha limnandi kakhulu leKilisimesi.
Elilandelayo ixesha lelasekwindla. Lelona xesha limnandi eli, kuba yintlutha kuba ezo zilimo, bezilinywe ehlotyeni zivuthiwe ngoku. Kuphekwa amabhaqolo, imiqa, imixhaxha noozisophu.
Amavila axhelelwa exhukwane imithwane, iimixhaxha, amaceba njalonjalo ngeli xesha kuba akukho msebenzi ungako wenziwayo ngaphandle kokungxala izisu ngolibo.
Elokugqibela ixesha lelo lasebusika. Ngeli xesha kuvunwa umbona kucholwe iimbotyi zibhulwe. Ngorhatya xa kuphunyulwe kojiwa amaqhashu. Kwakugqitywa ukuvumwa kwenziwa izabhokhwe oko kukuthi kusilwe iindywala. Nje ngoko ilixesha lasebusika eli, iinkithiko ingqele imimoya ikhephu izitshingitshane ziyakhuphisana.

Izilwanyana zasekhaye 
ingqele izibheshu inkwankca
Kudala-dala izilo nezilwamyana zazihlala emahlathini nasezindle. Kwathi ngokusebenza kwengqondo yomntu wabona ukuba ezinye kwezi zilwanyana zingafuywa zibe zezasemakhaya zisetyenziswe. Kungoko kukho izilwanyana zasema khaya ezinje ngeenkomo, amahashe, iidonki, iigusha, iibhokhwe, iihagu njalo-njalo.
Kuzo iinkomo sifumana ubisi amasi inyama nezikhumba. Iinkabi zenkomo ziyabotshwa kulinywe ngazo naxa sele kuvunwa zitsala izileyi, iinqwelo ezithwele umbona amathanga iimbotyi njalo-njalo. Nasemahlathini xa kugawulwa kusetyenziswa iinkabi ukutsala amahlahla.
Iigusha zona zifuyelwa uboya inyama nezikhumba. Uboya begusha buxabiseke kakhulu, kwenziwa impahla efudumeleyo emfuma-mfuma ngabo oozijezi iingubo, needyasi. Zona zisikhusela kwingqele nenkwankca zobusika.
Iibhokhwe zona zibaluleke ngoboya bazo obude obuntsaka-ntsaka. AmaMpondo namaZulu azithanda kakhulu izikhumba zeebhokhwe ukwenza izibheshu nezidwaba ngazo. Zizihombo zabo zodidi ezo.
Iinkuku zizalela amaqanda anesondlo, kanti nenyama yazo imnandi inempilo ukwedlula inyama ebomvu. Yona kuthiwa yinyama emhlophe.
Singathini ukulibala isilila kubi, yihagu ke leyo. Nayo isinika, inyama emnandi kakhulu, ngakumbi izihlunu ezi. Asingebancedi ke abo bayicekisayo bathi yinqambi. Kaloku kukho lentetho ithi, Ikukufa nje kuwe yimpilo kum.
Intlonze yehagu yomelele kakhulu ngayo kwenziwa izihlangu neengxowana zodidi oluphezulu. Zamanene namanenekazi.

Izilwanyana zasekhaya 
azingxavula isingci ogqwesileyo xhakamfu
imgragramele
Zininzi izilo nezilwanyana zasekhaya esincokole ngazo, kodwa ke zikwaliqela esingekathethi ngazo. Yeka ukufaneleka komnumzana ethe ngcu kuhle ephalisa ihashe lakhe, litsho ngeso singci salo, isali yakhe eyibeke phezu kwesingqwashu ukuze lingatyabuki ihashe lakhe. Bona umdyarho wamahashe iinkweli zithe nca ngokungathi zilele. Kuleqwa le mali ndini kuba ogqwesileyo ufumane isixa semali nodumo.
Asingelishiyi inono elichula ukunyathela, yikati ke leyo. Yona ikati isicuthela iimpuku ezilutshaba lombona nempahla yethu yexabiso. Uyakumbona urheme encume-ncumeza ezozelisa, umbone sele etsiba owenkawu, xhakamfu! kanti uyibambile njalo impuku, kaloku uthiya ngokucimela.
Masigqibelise ngoGcinumzi, yinja ke leyo. Kaloku akukho nondwendwe olunokuthi eakatha lungene ekhayeni lungamkelekanga enjeni. Lowo ingamaziyo imkhonkotha imgragramele ifuna ukumqwenga ngaloo mazinyo ayo made azingxavula. Yonke into ekwelikhaya yaluswa yinja, kungoko isaziwa nje ngesona silwanyana sithembekileyo.

Ixabiso lemali
nkqu ezintle inyityilikiswe abanqatyisiweyo
Sonke siyazi ukuba akukho mntu unokuphila okanye aphumelele ngaphandle kwemali. Singatsho ukuthi ngumphefumlo kuphela ongaba nexabiso ukwedlula imali.
Bonke ubukhazi khazi obulapha elizweni benziwa ngemali. Izindlu ezintle, nditsho oorhecizulu bezindlu bakhiwa ngale mali. Iindlela ezintle eziqatywe mnyama zenziwa kwangayo. Amakhaya ethu amahle nabo bonke ubumenye-menye obungaphakathi iitafile, izitulo, iimandlalo, oomabonakude. Iindidi ngeendidi zezinxibo zabasebuhlanti nabasetyhini zithengwa ngemali. Lingatshona ilanga sibaliselana ngokubaluleka kwemali kuba nkqu ukutya oku kusisondlo emizimbeni yethu kuthengwa ngemali.
Kungokuba kakade ivela phi le mali? Kwembiwa igolide nekopolo emigodini inyityilikiswe kwenziwe imali, kanti ke yona engamaphepha yenziwa koovimba abathile abanqatyisiweyo, kungoko singenakho nokwazi ukuba yenziwa njani na. Lihlebo ukwenziwa kwayo.

Hamba minyaka
engxamele inkxwaleko intlunngu ezikrakra
Limnandi kakhulu ixesha lekilisimesi, siyazazi iziyolo, iziyunguma ngokunjalo nezigigaba zalo, kodwa kunjalo elona xesha silingxamele kakhulu ngumnyaka omtsha. Kaloku ngelixesha siyazi ukuba zonke izinto ziza kubantsha. Emakhaya sithengelwa impahla entsha nje ngoko nezikolo okanye amabanga esiza kungena kuwo ematsha. Uyakuva umntu esithi, Hamba mnyaka omdala, yiza mnyaka omtsha. Inene ke lowo unesazela okanye intlungu ethe yamvelela kuloo nyaka udlulayo yiyo ke loo nto sele engxamele lowo uzayo umnyaka. Isimanga akazazi iinkxwaleko neenzingo aziphathelwe ngulo mnyaka awungxameleyo.
Xa uqala umnyaka izinto zibonakala ngathi zintle kodwa kuthi ngokuhamba kwexesha zibekho ezikrakra ezinganyamezemekiyo nezibuhlungu. Uya kuva sele bekhalaza abantu besithi, Inene ingathi awupheli lo nyaka noko lo uzayo uya kuba ngcono. Angatsho ke umntu yazi ukuba zimuncu, izinto azimhambeli kakuhle. Indalo yona iyakuhamba indlela yayo kuba uya kuphela nalowo unyaka. Iba yiloo ntuntanja ke minyaka le kuba nakolandelayo iya kuba seso simbonono. Yiyo ke loo nto kwelokuncama uya kuva umntu esithi, Hamba minyaka.

Amahlathi
ingxangxasi ishimnce amakroti inkwakhwa
ingcambu
Ubusazi na ukuba iintlobo zamahlathi zimbini. Kukho amahlathi endalo nalawo athi atyalwe ngabalimi abaqeshwe ngurhulumente.
Ma sikhe sibonisane ngala endalo amahlathi. La ngamahlathi azikhulelayo kunjalo nje ngawona mahle kuba ashinyene kuzintlobo ntlobo zemithi. Akholisa ukuba kwindawo ezinamawa nezixhobo nalapho imvula zinganqabanga kuba wofumana imigxobhozo kanti nengxangxasi kwamanye. Nje ngoko sisazi ukuba zintlobontlobo zemithi ezilapha, kukho umcheya, umlungu-mabele, umthathi, umthombothi, umsimbithi, umnquma, umqwashu, njalo-njalo.
Eminye yale mithi ibalulekile eluntwini. Inentsingiselo kwaneenkolo kwezinye iintlanga nje ngoko nathi maXhosa sibasa umnquma xa kududuma. Ngokunjalo xa uthe wawubasa lo mthi kuthiwa ngumgala-gala kukho inkolo yokuba uzibizela iinkathazo. Siyawazi ke wona umthombothi uxatyisiwe kakhulu ngabadlezana, bawulola baqabe ngawo iintsana zabo ukuphelisa ishimnce.
Eminye imithi yomelele kakhulu kangangokuba amakroti azenzela ngayo iintonga nezagweba zokulwa.
Izilo zasendle ezifana neendlovu iingonyama, amaqwarhashe amaqhudu oozingwe njalo-njalo zihlala kula mahlathi. Ngokunjalo nezilwanyana ezinje ngenkawu iimfene inivundla amaqaqa iingada nazo zizifihla kumatyholo akulamahlathi, wova umhlekazi uSokhetye esithi Bhogrom phezulu emthini, iinkawu zimana ukuthi lakatyu ukusuka komnye umthi ukuya komnye ngokunga zidlala icekwa.
Iinyoka ezoyikekayo ezinje ngenyushu zikwalapha, andithethi ke ngamarhamba iinkwakhwa nezinye iinyoka ezinobuhlungu obuyingozi, kakhulu, xa othe walunywa yiyo akakhawulezelwa ngoncedo lokuqala okanye abalekiselwe kugqirha uyafa.
Oosiyazi nookhohlelesingeni baguguda kula mahlathi besemba iingcambu zokwenza amayeza. Kaloku ikukufa nje emthini yimpilo kuye kuba uza kufumana imali kwabo banenkolelo ngamachiza kaloku izilumko ziphila ezidengeni.

Imfundo
entlalweni iinkcuba-buchopho neengcungela
Apha ebomini zininzi izinto anokuthi umntu afunde enenjongo ngazo ezinje ngokufundela ukuba ngumongikazi, ngugqirha, khona ukuze ancede abantu abagulayo nabo benzakeleyo.
Abanye abantu bafundela ukuba ngonontlalo, ntle nalapho mininzi imiba abajongene nayo enje ngokuncedisana nabantu abazizilima abangaqondi kakuhle ngokwasengqondweni nabo bagugileyo ukubafunela indodla okanye inkam-nkam.
Bakho abafundela ubupolisa, aba bakhusela uluntu nempahla yabo kwizihange, bagcina uxolo entlalweni.
Kukho iinkcuba buchopho zoomantyi, abatshutshisi namagqwetha abahlalele ukuxoxa nokuphicotha iimbambano zamatyala kwabo bathe ababona ngasonye.
Oomabhalana bona basombulula iingxakana zoluntu zemihla ngemihla bagcine iincwadi zenkcukacha zabantu ngokubanzi. Kwalapha kubo kukho iincutshe zabachwethezi neengcungela ekubaleni amanani kanti bakho nabo bajongene nokukhuphela ezo nkcukacha koomabona-kude.
Ubusazi na kodwa ukuba bonke obu buchwephesha bemfundo abayifunde bade bayityekeza bafukanywe, bafunzwa, bondliwa, bakakazwa lelo khatsha-khowana letitshala lona esele litotoba lihamba lithetha lodwa ngenxa yokonakala kwemithambo luvo. Isinamva liyabukwa!

Intsomi kanomyayi
imthwebeshu intsholokazi ekhwankqisiwe
Kwathi ke kaloku ngantsomi umfuyi othile wayefuye amahobe amahle ewaphethe kakuhle kakhulu ewapha ukutya namanzi ngamaxesha afanelekileyo. Kwathi kanti kukho nomyayi othile oyibukeleyo le nkqubo, naye wanqwenela ukuhlala nala mahobe. Wacinga icebo, wazibhuqa- bhuqa eluthuthwini wada wayiloo nto imthwebeshu okwehobe kanye. Umfuyi akazange akhathazeke kukufika kolu ndwendwe nto nje wavuyela ukwanda komhlambi wamahobe akhe.
Unomyayi lowo wayifunda yonke imikhwa nemikhuba yamahobe waphila kamnandi efumana isondlo nolondolozo nje ngehobe.
Wayesithi unomyayi akubona ukuba ibala lakhe liyehluka kwelo lamahobe aphinde azibhuqabhuqe eluthuthwini abe mpemvu naye. Yaqhubeka le nto kungekho mntu u krokrela nyawo lwamfene konwatyiwe. Isimanga eli hobe alizange likhale okanye lenze ntsholo nje ngamanye amahobe, phofu akukho mntu wayixhomela amehlo yonke loo nto.
Sehla isimanga ngolunye ungcwalazi, kwedlula ihlokondiba lonomyayi lisenza intsholokazi enkulu, Grwa, grwa, grwa! Wathi akuva le ngxolo urheme lwavuka uhlanga lwakubo watsho kakhulu Grwa, grwa, grwa, grwaaa..  Wabhabha wemka walandela impi yakubo. Umfuyi owayebukele wasala ebambe ongezantsi ekhwankqisiwe sesi simanga asibonayo. Wolumka ukuzenza into ongeyiyo kuba isisila siya kuvela mhla ligquthayo. Phela phela ngantsomi. 

Imidlalwana
Nomyayi! Nomyayi! 
Grwa! grwa! grwa! 
Nomyayi! Nomyayi! 
Grwa! grwa! grwa! 
Wenzan apho? Wenzani? 
Ndichol izithombi, ndichol izithombo 
Wenzan apho? Wenzani? 
Ndichol izithombo ndichol izithombo.

UTese
inzwakazi ingutitshalakazi intsokolo
isityhwentywe
Kuloo ilalikazi yaseMthwaku kwisithili saseNgqamakhwe eyayifudula ibalasele ngokuba yeyona lali intle neyona yaye inezifundiswa, kwakukho ntokazi eyaye inobubele ibathanda abantu. Ekuhambeni kweminyaka yaziwa ngegama lokuba nguTese nangona wayenalo igama lakhe lenkobe. Nje ngoko le nzwakazi yaye ingutitshalakazi yathi apha ekujikelezeni ngokufundisa yafika kwenye ilali apho yahlangana nenkosikazi eyaye ikhuthele kakhulu kodwa ihamba nzima ingenabani isokola. Waba nosizi utitshakazi yile ntsokolo waza wayithabatha le nkosikazi ukuba iye kugcina ikhaya lakhe, ukuze amane eyihlawula ukuphela kwenyanga ukuze ikwazi ukuzifunela iintwana-ntwana.
Nje ngoko uMaRhadebe lo engazange aye esikolweni kwabanzima kuye ukulibiza ela gama likhumshileyo babesaya kubizwa ngalo ootitshalakazi. Yiyo ke le nto sele sidibana nale nzwakazi inguTese lalisele lishunqulelwa eli gama kuba yena uMaRhadebe wayesithi Mitese. Wawugcina kakuhle kakhulu uMaRhadebe umzi kaMitese yonke into eyinonophele.
Ngene imini kusonwatyiwe kweli khaya kanjalo noMitese ekho nje ngoko yaye iyimpelaveki kwafika qhajikazi elalisele linyathelela phezulu ngumsindo, lingxola lisithi liyifuna apha imifuno edliwe ziihagu zikaTese esitiyeni salo. Wahlawula isityhwentywe semali uMitese, yemka loo ntokazi sele incumile, phofu esingazi nokuba ngokwenene ezo hagu zazingenile na kweso sitiya kuba akazange aye kuhlola uMitese.
Kwathi kanti imkhathazile uMaRhadebe le ntlawulo ingaka yenziwe nguMitese wakhumbula imbiza eyaye ibolekwe leli qhajikazi kwiminyaka eyadlulayo watsho esithi uza kuya kuyiphuthuma ibuye imbiza kaMitese. Efixekile naye uTese wavuma ukuba ilandwe imbiza leyo, watsho esithi, Ezika Khesare kuKhesare. Yho! akazange aligqibe walwa wabomvu uMaRhadebe emxelela ukuba kudala efuna ibuye lembiza ngoku kuthiwa iza kuphiwa uKhesare. Abantu ababekho apho bahleka kwabuhlungu amathumbu. Wamangaliswa ebindekile uMa-Rhadebe ukuba kuhlekwa ntonina esakube yena ekhathazekile yimbiza ezakunikwa uKhesare. Ulwazi oluncinane luyingozi.
Ukhawulezis amaxesha
Vukani kusile magwala ndini. 
Vukani kusile magwala ndini. 
Lamemez ixilongo lisibizela. 
Lamemez ixilongo lisixelela 
Sibe kuninik imfundo nayishunqula 
Sibe kuninik intetho nayishunqula 
Sininike ntonina ezweni apha? 
Aninike ntonina uThixo ezweni apha? 
Kubo ivili yakho iyajikeleza, 
Ukhawuleziso amaxesha.

AbaThwa
ziqothololo ukukrola nokuxhentsa
Kudala-dala kweli lethu kwaye kuhlala abaThwa. AbaThwa aba babevela eMantla Phondo lwe-Kapa. Olu yaye iluhlanga lwabantu abafutshane ngesithomo betyheli bumdaka ngebala, iinwele zabo zimfutshane ziqothololo. Babephila kukutya iingcambu zemithi ezinencasa, iziqhamo zasendle ezinje ngamaqunube. Eyona nto babeyithanda kakhulu kukuzingela iinyamakazi ezindle. Iintolo zabo zokuzingela babeziqaba ityhefu ukuze zife iinyamakazi nokokuba utolo luthe lwachana kwindawo engenabungozi kwisilwanyana eso. Abazingeli babeyilandela inyamakazi bade baye kufike apho ifele khona.
Isinxibo sabaThwa yaye izizikhumba zenyamakazi ezisikwe bunxantathu, zibhinqwe esinqeni. Amadoda wona ayezambatha izikhumba ukuzikhusela kwiingqele xa aphuma ingqina.
AbaThwa babehlala emiqolombeni apho babezoba iintlobo-ntlobo zezilwanyana, iintaka nemithi xa besaziphumzile ekuzingeleni. Babezoba ngokuthi bakrole eludongeni lomqolomba, bahombise ngokuqaba ngencidi yemithi exutywe nodongwe olumhlophe okanye olubomvu ukuqaqambisa loo mikrolo.
AbaThwa babezonwabisa ngokucula nokuxhentsa belinganisa ukutsiba-tsiba kweenyamakazi. Ngelishwa lethu thina siphila kwixesha apho bangasekhoyo mpela abaThwa kweli lethu kuba athi ukufika kwawo amaXhosa kwanabelungu babagxotha abaThwa kuba babezingela yonke into esisi lwanyana neenyamakazi nje ngoko kaloku babephila yinyama yeenyamakazi, nokuba zezo zifuywe ngamafama.





1


